
Andinandoda Okwangoku,
Utsho UNana Moloi 
ongumsasazi kamabonakude uthi ubomi bakhe bunokuguquka kunyaka ozayo - xa aya kuba egqiba amashumi amane eminyaka ubudala. Uthi okwangoku uxaxekile, akanalo ixesha lokuhoya indoda.

kubalisa Uwillie BOKALA

UNANA MOLOI linenekazi elisebenza nzima gqitha. Ungumsasazi kumabonakude, uphinde abe ngumchongi wabasasazi abaza kuvela kwinkqubo, kanti ukwangumama ongatshatanga wentombi ene-12 leminyaka, ngoko usoloko exakeke kangangokuba akanalo ixesha lendoda ebomini bakhe.
Indoda ifana nomntwana. Ifuna ukuhoywa kangangoko unako, mna ke andinalo tu elo xesha. Ukukhathalela intombi yam nomsebenzi wam
undixakekisa kangangokuba andinako ukongeza enye into. Ndikubona kungalunganga ukuba ndibe nendoda, ndijike ndingayihoyi ngendlela efuna ngayo, utshilo ngomzimba ongenaxhala.
Uvuka kwakusasa -alungisele intombi yakhe, uPaballo , aze amse esikolweni - yaye uphuma ebusuku emsebenzini akugqiba umsebenzi omninzi waseSABC . Akanalo nkqu ixesha lokuqhubeka nokucula nangona eselilungu lekwayala yakwaSABC .
Mininzi imisebenzi owayeyinqwenela xa wayesemncinane, kodwa yiSABC eyamnika umsebenzi athi ngowona msebenzi uyibetha yonke. Umsebenzi wakhe ulucelo-mngeni, yaye uyaziphucula ngokwenza izifundo ezinxulumene nomsebenzi wakhe.
UNana unxiba kakuhle yaye ukrele-krele. Ukususela mhla wanikwa umsebenzi wokuchonga abasasazi
abaza kuvela kuSABC2 , uyaqinisekisa ukuba bonke abasasazi bonwabile ngamaxesha abangena ngawo. Yiloo nto lo msebenzi ulucelo-mngeni kuye.
Njengoko eneminyaka engumsasazi kamabonakude -ubonakala engumntu onolwazi. Phofu ke uthi ukunyuselwa kwakhe ekubeni ngumchongi wabasasazi kwamvula amehlo. Kuninzi okwenziwa kulo msebenzi. Ndim endiceba ixesha abaza kungena ngalo abasasazi abahlukeneyo, neelwimi ekufuneka zisetyenziswe ngaloo maxesha.
Kwakhona kufuneka ndicebe amaxesha okusasaza kwabo kumabonakude ukuze angangqubani neminye imisebenzi abayenzayo ngaphandle kwaseSABC . Oko kufuneka ndikwenze ngendlela yokuba kwaneliseke wonk' umntu.
Nentombi yakhe, uPaballo , ngathi izimisele ukulandela ekhondweni likaNana.
UPaballo ofunda iBanga lesi-5
Indoda inqwa nomntwana.
Kufuneka uyinike yonke inkathalo eyifunayo, mna ke andinalo tu elo xesha...







udlala iintlobo ngeentlobo zomculo. Akuthandayo kuquka ukufunda
nokuphulaphula umculo. Uyakuthanda ukubhala amabali amafutshane neevesi .
Uthanda iimoto zaseMelika ezinenjini eyi-V8 , ngoku unemoto ebomvu enevili lokuqhuba elisekhohlo neyiChevrolet Camaro enenjini iCorvette eyi-5- litha . UkwaneDodge Charger yango- 1969 enenjini eyi-7- litha neyi-V8 , uzama ukuyithengisa ngenxa yokungabi nendawo yokuyipaka emzini wakhe!
U-Allan ukwadize nokuba unomzi okufutshane nolwandle eMdloti nokuthi akanamabonakude. Uthe: Ndikufumanise kumnandi ukubukela ulwandle nokuphumla.
Ngokokutsho kwakhe ungumpheki, ilasagna kokona kutya abalasele kakhulu kuko.
U-Allan ukwathe uyithanda gqitha iCapital Radio , nto leyo echaza isizathu sokuba abuyele kwesi sikhululo nokuba sehambile kwiminyaka edlulileyo. Ukwachaze nokuba iCapital Radio yeyona ndawo ibalaseleyo yokuqeqesha abasasazi abakhalisa amacwecwe, inkoliso yabo iye kwezinye izikhululo zosasazo njengeRadio 5, iRadio Good Hope , iEast Coast Radio nezinye.
U-Allan uthe iCapital iye yaneenguqu eziliqela ukususela ekusekweni kwayo ngo-1979, kwinguqu nganye ukuba bhetyebhetye nomgangatho oxhomileyo kuqhubeka kubalasela kwaye iye yaqhubeka ivelisa abasasazi ababalaseleyo kweli.
Uthe ngoku bajolise ekuzuzeni abaphulaphuli abaselula embalini yesikhululo sabo - abaneminyaka ephakathi kwe-16 nama-24. Bakwenza ngokuxuba iHip Hop , iRap , iReggae , iSoul . R&B neHouse and Acid  Jazz emculweni abawudlalayo.

		 Thembekile Ndlovu, unike iCapital
		Radio ubuchule bokuphatha obufunekayo. Ukhethe abaphathi bexeshana abasingatha iinkqubo zamihla le zesi sikhululo. Amalungu eli qela aquka uFred Pearson , uMphathi wesikhululo; uSteve Bishop , uMlungelelanisi weeNkqubo, uKenny Maistry , uMlungelelanisi womculo, uAlan Khan , uMlungelelanisi weeMiba enguNdaba-Mlonyeni neeNdaba; uMeshack Mokwena, uMlungelelanisi wezeNtengiso; uSkip Scheepers , umphathi wezeNtengiso, uGary Botha , unguMphathi kwezobuGcisa noAllen ongumsasazi esibhala ngaye onguMlungelelanisi woMgangatho weeNkqubo.

Udize ukuba iimbophelelko zakhe ziquka ukuqeqesha abasasazi nokugcina umgangatho wokusasaza weCapital . Naku uAllan ukucebisa abantu abanqwenela ukuba ngabasasazi-kufuneka bazazi izinto, ngamany'amazwi babe nolwazi oluphangaleleyo ingakumbi ngomculo. 

Uqwele ngelithi: "Umsasazi kufuneka akwazi ukuphulaphulisisa-kufuneka aziphulaphule izimvo zabaphulaphuli bakhe. Kukwabalulekile nokwazi ukuba kufuneka anthule nini!" 


  kwizikhululo zikanomathotholo ezili-10	ungumfo okrelekrele nothandayo	enguNdaba-mlonyeni neeNdaba;
eziphambili eUSA . Le nkqubo yayibizwa
ngokuthi yiThe Ever Changing Multi-Lingual	ukuqhula. Uyavuma ukuba waba	uMeshack Mokwena, uMlungelelanisi
Transcendental Two Ton Mustard Seed !	ngumsasazi ukuze afumane imali	wezeNtengiso; uSkip Scheepers , uMpha
 Wafudukela eAfrika, wafikela eSwazini	yokuqhubeka nemfundo nokuze	wezeNtengiso, uGary Botha , unguMphathi
		kwezobuGcisa noAllen ongumsasazi
kuqala waza weza eMzantsi-Afrika ngo-	azihlal                                    xele adlale umculo kuba	esibhala ngaye onguMlungelelanisi
1978. Umsebenzi wakhe wokuqala waba	yisub-editor kwimagazini iMusic Maker .
Ngaphezu koko, wakhuthala ekusasazeni	UZED DAVEY uthethe naye, waza	  Udize ukuba iimbopheleleko zakhe
ezentengiso - kusasaza oko	uSean WALLER wafota .	ziquka ukuqeqesha abasasazi nokugcina
asabandakanyeke kuko nanamhlanje.		umgangatho wokusasaza weCapital .
  Uqeshwe yiCapital Radio ngo-1979 xa		  Naku uAllan akucebisa abantu
yayiqala ukusasaza ePort St Johns		abanqwenela ukuba ngabasasazi -
esasaza inkqubo yakhe phakathi kweye-		kufuneka bazazi izinto, ngamany'amazwi
11 :00 ngokuhlwa neyoku-1 ekuseni, waza		babe nolwazi oluphangaleleyo ingakumbi
watshintshela kwinkqubo yangelantshi.		ngomculo.
Wayeka kwiCapital Radio ngo-1981 waya		  Uqwele ngelithi: Umsasazi kufuneka
ekapa, kuthe xa iCapital yavula isikhululo		akwazi ukuphulaphulisisa - kufuneka
sayo eJohannesburg wabuyela kuyo,		aziphulaphule izimvo zabaphulaphuli
wayeka ngo-1986 wayokusebenza		bakhe. Kukwabalulekile nokwazi ukuba
kwiRadio 702. Kuthe xa iCapital Radio		kufuneka athule nini!




ifudukela eThekwini ngo-1990 wayeka ukusebenza kwiRadio 702 waphindela kwiCapital Radio .
U-Allan sithetha nje usasaza inkqubo ngeye-11 :00 kusasa ukuya kweyo-1 :00 phakathi evekini nangeye-12:00 emini emaqanda ukuya kweye-3:O0 emva kwemini ngemiGqibelo. Kwinkqubo yakhe





Ngumntwana Kabani
uPeggy-sue





Njengokuba Miss SA , uPeggy-sue Khumalo, elungiselela ukhuphiswano lukaMiss World oluza kubaselndia kule nyanga, kusaphikiswana ngobudala bakhe nangokuba ungubani kanye kanye.

uBONGANI HLATSHWAYO uyaphanda kufote uLUCKY NXUMALO



INENEKAZI lomlungu elithile
lifowunele amajelo eendaba
langafuni kuzixela igama lalo eliqale impikiswano malunga nosanda kuthweswa njengoMiss South Africa . Eli nenekazi lithi uPeggy-sue Khumalo ungaphezu kobudala abuchazileyo bama-21 eminyaka lithe unama-23 kwaye elona gama lakhe nguPeggy Pinky Erasmus .
Ngokweli nenekazi lingafunanga kuzichaza, nelaziwayo ngabeBONA, belifuna uNkszn. Khumalo arhoxiswe ekubeni nguMiss SA .
IBONA ifuna ukukucacisa ukuba eli nenekazi liye kucela uxolo kuPeggy-sue Khumalo nakumama wakhe, uJumaima .
Kudliwano-ndlebe olulodwa lweBONA noJumaima Khumalo noLinah Sosana Dunn , onguninakhulu
Uninakhulu kaPeggy-sue , uLinah Sosane, Dunn : Ndimkhulise eseneminyaka emine ubudala uPeggy ndambhalisa ngokuba unguPeggy Pinky Erasmus . Ndandimfundisa ngemali yam yomhlalaphantsi...


kaPeggy-sue , kuvele izinto ezininzi eziphikisanayo.
uLinah Sosana Dunn ube lugcwabevu ngumsindo xa besifika size kudlan indlebe naye.
Ndiyekeni !Andifuni kuba nanto yakwenza na1o mbhodamo. Ukuphumelela kukaPeggy kusuke kwanenza nayintwibila kum. Nifuna ukwenza imali ngam! Ubebonakala
Ogqwesileyo
uPeggy-sue Khumalo nabaphume kwiindawo ezilandelayo -ophume kwindawo yesibini, uBabalwa Mneno (ekhohlo)
nophume kwindawo yesithathu, uAdele Van Niekerk .





Oyena mama kaPeggy , uJumaima Khumalo, wayekho eyokhuthaza intombi yakhe, efuna
nokuzibonela ngelenyama ukuthweswa
 kwakhe njengoMiss South Africa .
ukuba akazimiselanga tu ukudlan indlebe nathi.
Ekugqibeleni ucengwe yintombi yakhe, uMavis , ukuba asibalisele akwaziyo.
Igama likaPeggy lokuzalwa nguNonhlanhla, mna ndamthiya awesiNgesi uPeggy noPinky Erasmus nanjengoko engazalelwanga mtshatweni Unyana wam ngutata wakhe.
uJumaima wayesebenza njengomncedisi efama. Wamkhulisa uPeggy . Uthe xa eneminyaka emine ubudala, wamzisa kum ukuze angene esikolweni . Intombi yam, uMavis , wambhalisa kwaNdabazabantu njengoPeggy Pinky Erasmus , nanjengoko utata wakhe, ongunyana wam, engowakwa-Erasmus .
Ndamkhulisa ngemali yam yomhlala phantsi wade waphumelela ibanga leshumi ngo-1991. Ingxubakaxaka iqale akuphumelela amabanga aphakamileyo..



26 BONA XHOSA - november 1996

34 BONA XHOSA - november 1996

38 BONA XHOSA - NOVEMBER 1996

